Umntu oLawula uMbane weSizwe
Ingxelo yoMnqophiso
Ukulawula ishishini lamandla ngokungqinelana nemithetho karhulumente, imigaqo-nkqubo, ukuziqhelanisa okungcono okusemgangathweni nokwezizwe ekuxhaseni uphuhliso olugciniweyo.
Umntu oLawula uMbane weSizwe (NER) ngumlawuli ogunyazisiweyo ngaphezu kweShishini eliNikeza ngoMbane (ESI) eMzantsi Afrika. Liqela elimiswe ngokomthetho, elizinziswe ngokoMthetho woMbane No. 41 ka-1987 njengoko ulungisiwe ngo-1994 nango-1995.
Ukulawula ishishini lamandla ngokungqinelana n nemithetho karhulumente, imigaqo-nkqubo, ukuziqhelanisa okungcono okusemgangathweni nokwezizwe ekuxhaseni uphuhliso olugciniweyo.
Ukuba abeyinkokheli esemgangathweni wehlabathi ukumisa kakuhle amandla.
UMthetho woMbane No. 41 ka-1987 njengoko ulungisiwe ugunyazisa iNER phakathi kwezinye izinto ukuba isombulule iimpikiswano phakathi kwababoneleli bombane nabathengi bawo, kwakunye naphakathi kwababoneleli ngokunokwabo.
Ukuba wawungonwabanga yindlela umboneleli ngombane wakho aziphatha ngayo izikhalazo zakho, iNER ingakunceda.
Khumbula ukuba inqaku lakho lokuqala lokubiza fanele ukuba libe lelomboneleli ngombane (umzekelo, umasipalathi, u-Eskom)
Izikhalazo
Ingaba hlobo luni lwezikhalazo iNER engakunceda ngazo? INER ilawula izikhalazo ezininzi ezinokuvumbuuka zibandakanye nombane wakho:
Ubulunga benkonzo
Ubulunga bokubonelelwa
I-akhawunti
Isixhobo sokulinganisa
Izintlu zamaxabiso
Ingaba kufuneka wenze ntoni?
Okokuqala fanele ugqithise isikhalazo nomboneleli wakho
Ukuba isikhalazo sishiyeka singasombululekanga, fowuna, bhala okanye nxibelelana ngekhompyutha neSebe leNkonzo zokuThenga lakwaNER, kwaye
Sinikeze zonke iinkcukacha ezifanelekileyo zesikhalazo.
SIZA KUZIPHATHA ISIKHALAZO NGOKUYIMFIHLO NANGOKUKHAWULEZA OKUNOKWENZEKA
INTO OFUNA UKUYAZI
Bonke abanikezeli basekuhlaleni fanele banikwe iphepha-mvume nguNER. Akukho mboneleli wombane wasekuhlaleni onelungelo lokwenza nelokunikela ngombane kubathengi ngaphandle kwemvume kaNER.
Abanikezeli basekuhlaleni bangangawatshintshi amaphepha-mvume wabo okunikezela ngombane kuye namphi umnikezeli wasekuhlaleni ngaphandle kwemvume kaNER.
Umnikezeli wasekuhlaleni akanalungelo lokuxabisa abathengi kuluhlu lwamaxabiso angavunywanga yiNER okanye ukutshintsha ulwakhiwo ngaphandle kwemvume yeNER. Abathengi ngoko ke baya kuba ngaphakathi kwamalungelo abo ukuqhubekeka nokubhatala uluhlu lwamaxabiso oluvunyiweyo nangona uluhlu lwamaxabiso amatsha angekho mthethweni ezalisekisiwe ngumnikezeli wasekuhlaleni.
Ukunikela wena, umthengi, inkonzo
Umnikezeli wasekuhlaleni unomsebenzi wokunikezela ngombane kuye namphi umntu okanye kuyo nayiphi indawo engingqini yakhe yokunikezelwa ngaphandleni kokuba umthengi ukwimeko kwaye uyafuna ukuhlawulela inkonzo enikezwayo.
Umnikezeli wasekuhlaleni fanele inikeze umthengi indlela ezisebenzayo zoluhlu lwamaxabiso olwakhiweyo kwanamanqanaba xa umthengi esebenzisa inkonzo kuba ecelile
Umnikezeli wasekuhlaleni unomsebenzi wokuxelela abathengi bakhe malunga nokwenyuka koluhlu lwamaxabiso, uluhlu lwamaxabiso awohlukeneyo okunikezela ngombane kwaye ingaba asebenza njani ukwenzela babe nokwenza isigqibo esixeliweyo xa besenza isicelo sesinikezelo. (Nceda qaphela kwakho ukuba abathengi kwelinye icala baneemfanelo zokubuza malunga noluhlu lwamaxabiso anokuhlangabezana neemfuno zabo.)
Kwimeko yabathengi abahlawula ngaphambili, umnikezeli wasekuhlaleni unemfanelo yokunikela iziko lokuthengisa apho imiqondiso wombane unokuthengiswa. Amaziko okuthengisa fanele abenokufumaneka lula.
Aneemfanelo zokuqinisekisa ukuba iziko lokuthengisa livuliwe ngexesha lamaxesha okuthenga esiqhelo ngeentsuku zeveki, ukusukela ngo-8:00 ukuya ku-12:00 ngeempelaveki nangeeholide zikawonkewonke.
Umnikezeli wasekuhlaleni angaphelisa okanye anciphise unikezelo ngombane kumthengi ukuba:
Umthengi akanako ukubhatala usebenziso okanye ukuqhubekeka ungabhatali emveni kokuzuza isaziso sokuphelisa esivela kumnini wephepha-mvume;
Isivumelwano kwesi siphumo besivumelene nomthemgi;
Ufakelo alukhuselekanga;
Umthengi akakho kwisimo sesiqinisekiso sokuthobela esilungileyo
Kukho ubungqina bokuba umthengi uwunciphisile okanye usidlulisile isixhobo sokulinganisa;
Umthengi waphula imimiselo efanelekileyo;
Okanye umthengi akanamali
Umnikezeli wasekuhlaleni unomsebenzi wokunikeza unikezelo lombane oluthembekileyo noluqhubekekayo kubathengi bayo nemfanelo yokugcina unxibelelwano ukuqinisekisa ubulunga bonikezolo lwesinikezelo.
I-akhawunti
Umnikezeli wasekuhlaleni unomsebenzi wokunika umthengi:
I-akhawunti yenyanga ichaza ngokuthe gca inani leeyunithi ezisetyenzisiweyo.
Isifundo sesixhobo sokulinganisa esichaza ngokuthe gca isifundo sokuvula nesokuvala sexesha le-akhawunti kwaye itshajele iiyunitsi ezisetyenzisiweyo.
Kwimeko apho kuqikelelwa usebenziso lomthengi lusenziwa, i-akhawunti mayikubonise oku, kwaye nasiphi na isambuku esibhatelwe kakhulu ngumthengi ngexesha eliqikelelweyo fanele linikezelwe kwi-akhawunti yomthengi.
Kwimeko apho umthengi ephikisana , umthengi angacela umnikezeli ukuba avavanye ucoselelo lwesixhobo sokulinganisa umbanemalunga nomrhumo oza kuthi ubuyiswe ngumnikezeli xa ngaba isixhobo sokulinganisa umbane sifunyenwe singachanekanga.
Kwimeko yempikiswano, bubulumko kumthengi ukuqhubekeka nokubhatala kusetyenziso ukuphepha ukungahlanagnisa njengayo nayiphi na enye intawulo eqgithisileyo enokuthi iphinde ibuyiselwe kamva.
Umthengi unomsebenzi wokuqaphelaumnikezelei wasekuhlaleni xa esusa indlu, oknye efuna ukuyeka ukunikezela, okanye eyitshintshela kwidilesi entsha.
Imfundo yomthengi
Umnikezeli wasekuhlaleni unomsebenzi wokwenza iinkqubo zemfundo yomthengi zibe kwicala elikhuselekileyo, elikhutheleyo nelinesiphumo eisetyenziswa embaneni okanye kuyo nayiphi na into encedisayo ekunikezeleni ngombane onokwandisa ulwazi lwabathengi nosetyenziso lombane.
Umnikezeli wasekuhlaleni naye unomsebenzi wokuxelela abathengi malunga noluhlu lwamaxabiso ohlukeneyo okurhafa ukuba asebenza njani ungquzulwano lawo nokufanela.
Izikhalazo
Khumbula inqaku louqala lobizo olufanelwe ukwenziwa ngumnikezeli wakho wasekuhlaleni
Umthengi unelungelo lokukhalaza malunga nobulunga benkonzo enikezwa ngumnikeli wasekuhlaleni.
Ukuba umthengi wayengonelisekanga ziziphumo okanye yindlela apho isikhalazo siphethwe ngayo, umthengi angabhekiselela kwiNER ukuncedakala.
IMISEBENZI YABATHENGI
Unikezelo ngombane/ufakelo lombane
Umthengi uthembekile ukwenza umxokelelwano weengcingo zombane nokufakela umbane endlini yomthengi okanye umhlali okanye ipropati.
Yintembeko yomthengi ukufuna iinkonzo zencutshe yombane efanelekileyo ukwenza ufakelo oluyimfuneko.
Umthengi unemfanelo yokuqinisekisa isingqini sencutshe yombane nobunyani besiqinisekiso esikhutshelwe umsebenzi omawenziwe.
Imfanelo yomthengi malunga nonikezelo luyanda ukusuka ngaphandle ukuya ngaphakathi kwepropati. Nayiphi na into eyenzeka (ngaphaya kwesixhobo esilinganisa umbane) ngaphandle kwemida yepropati yomthengi yimfanelo yomnikezeli wasekuhlaleni onamaphepha emvume. (Umthengi uthembekile kwizixhobo zonke ezingaphakathi kwipropati ngaphandle okokuba ukhutshelwe ecaleni ngokukodwa kwisivumelwano sesigqibo.)
Umthengi fanele abenesiQinisekiso esisemthethweni sokuVumelana esikhutshwe yincutshe yombane efanelekileyo nebhalisiweyo efakelayo okanye ehlolayo endlwini.
Umthengi unelungelo lokukhalaza kwiNER xa ngaba umnikezeli wasekuhlaleni onamaphepha emvume ale okanye alibazise ngokungafanelekanga ukuxhasa ngombane ngaphandle kokunikezela inkcazelo eqinisekisayo.
UKUBHATALELA UMBANE WAKHO
Umthengi unomsebenzi wokubhatalela umbane wakhe awusebenzisileyo ngamaxesha onke (ngaphakathi kwixesha elimisiweyo).
Umthengi unelungelo lokukhalaza kumnikezeli wasekuhlaleni onephepha mvume ukuba umthengi akonwabanga bubulunga benkonzo ezuzwayo.
Ukuba umthengi akonelisekanga yindlela apho isikhalazo siphethwe ngayo, umthengi unelungelo lokumangalela isikhalazo kwiNER oza kuthi aphande umcimbi ngokumela umthengi.
Ekungeneleni kwisigqibo esisayiniweyo nomnikezeli onempepha mvume sokunikezela, fanele abhatale idiphozithi njengoko imisiwe ngumnikezeli wasekuhlaleni onempepha mvume ngaphambi kokuba udityaniso luchaphazeleke.
Umthengi unemfanelo yokunxibelelana nomnikezeli wasekuhlaleni ukuba umthengi ubesoloko engafumani zi-akhawunti zenyanga.
Umthengi unemfanelo yokuyokukhusela oomatshini, izixhobo zombane okanye nasiphi na isixhobo esibuthathaka ngokuchasene ukuza ngamandla kombane.
Apho uqhubekeko lokunikezelwa lufuneka umthengi unemfanelo lokufakela isinikezeli esihlala silindile.
Ukuphazamiseka kokunikezelwa ngamanye amaxesha kombane kungangabinakunqandwa, umthengi unemfanelo yokuthatha imilinganiselo efanelekileyo kokuchasana neziphumo.
UKUPHINDA UTHENGISE UMBANE
Yintoni ukuphinda uthengise umbane?
Ukuphinda kuthengiswe umbane kuxa into ekhoyo ukuludwe lwesinikezelo esithenga umbane nesambuku ukusuka kumnikezeli kwaye aphinde awuthengisele kwabanye abantu ukwehla emxokelelwaneni. Lencwadana icacisa ulwalamano lokuphinda kuthengiswe phakathi komthengi (umphindi athengise/umnini-ndlu) othenga kumnikezeli ngombane wasekuhlaleni awuthengisele umsebenzisi mva (umqeshi/ umnini).
Ingaba ukuphinda kuthengiswe umbane kwenzeka nini?
Ukuphinda kuthengiswe umbane kwenzeka xa umbane unikezelwa ngesambuku, kwisakhiwo nomhlaba womntu oyedwa othi ajike awuthengise kumqeshi okanye umnini wesakhiwo nomhlaba.
Isakhiwo nomhlaba ingaba yibloko yeeflethi, yezindlu zasedolophini zabantu abanezindlu emaphandleni, indawo eneevenkile ezininzi, ipaka yamashishini, isakhiwo see-ofisi, njl-njl.
Olunye uphawu olungumahluko lwesi senzeko kukuba abaqeshi/abanini babhatalele umbane wabo ngqo kubaphindi bathengise/umnini-ndlu ingasikuko kumnikezeli wasekuhlaleni.
Ingaba umthetho ukunikeza ntoni ekuphindweni kuthengiswe umbane?
Ulungiselelo lomthetho wedolophu kamasipala: Umthetho wedolophu kamasipala unikeza ukuba abasebenzisi mva (abaqeshi/abanini) akufanelekanga babekwe kwindawo engathandwayo kunendawo ethandwayo, xa umnikezeli wasekuhlaleni enokuba ngumnikezeli. Iziqendu ezininzi kwimithetho yedolophu kamasipala eyahlukeneyo iyachaza ngamazwi ukuba yintoni equlathwe kumMiselo 11 womThetho woMbane ka-1987 njengoko ulungisiwe.
UmMiselo 11 womThetho woMbane: Icandelo 11 likunikeza oko:
Icandelo 11 lithi: Imilinganiselo apho kunye neemeko zokuthengisa ngaphantsi apho umbane uphinde wathengiswa, ungandeda kancinci kumthengisi kunabo bebenokubhatala kwaye benokuwusebenzisa xangaba umthengi ebenikezwa ngombane ngumngcwabi onikeza umthengisi ngombane kwaye namphi na umthengisifanele ngokwesicelo sakhe namphi umthengisi amxhobise ngolwazi olunjalo njengoko kusenokuba yimfuneko ukumenza abenako ukumisa ukuba ii-akhawunti zombane ezifunyenwe nguye zilungile na.
Icandelo 11 ngaphezu koko linikeza ukuba lo mmiselo awunakusebenza: apho kunemithetho kamasipala okanye imimiselo yegunya lasekuhlaleni, ukugunyazisa ukuphinda uthengiswe umbane kunyanzelekile;
Kuthengiso lombane ngumntu onikwe iphepha-mvume okanye nguye nabani onayo ngokwecandelo lonciphiso kwicandelo lomThetho, likhululwe ukusuka kumalungiselelo ela candela.
Ngokwecandelo 11 : Ibhodi ingakhulula namphi na umgcwabi onayo ngokweandelo 6 lomThetho , ukusuka kumalungiselelo emimiselwana no- kwaye ibhodi nangaliphi ixesha emveni kokukhululwa inganikwa ukuwurhoxisa xa uwonke okanye indawana yesaziso emveni kwenyanga ezintandathu ubuncinane bokurhoxa okunjalo kunikwe umgcwabi okanye udidi lomgcwabi esingaye.
Ingaba loluphi uluhlu lwamaxabiso ekufanele ndiwahlawuliswe ngumphindi athengise/ umnini-ndlu?
Ingaba fanele iintlawulo kwi-akhawunti ibonakale njani?
I-akhawunti yombane fanele ibonise awona maxabiso emvelo ngokunikeza wena umbane. Iintlawulo fanele zibonise kuphela amandla ahlawulisiweyo, ngamanye amaxesha abizwa ngokuba zintlawulo zeyunithi, ezinikwa nge-kwh na/okanye;
Intlawulo zenkonzo -ezibandakanya amaxabiso azenzele wona umphindi athengise/umnini-ndlu ekunikezeni wena ngombane. Le ntlawulo yenziwa ngokufunda isixhobo sokulinganisa, i-akhawunti namaxabiso emvelo ekudaleni /ekwenzeni i-akhawunti.
Ukuba kukho ezinye iintlawulo, fanele ziboniswe kwaye zifunyaniswe kwenye indawo yaye azifanelanga zibandakanywe kwi-akhawunti yombane.
AMANYATHELO AMAWATHATYATHWE
Buza umphindi athengise/umnini-ndlu isiseko seentlawulo zakhe
Inkcazelo egcweleyo yeentlawulo fanele inikezwe kumsebenzisi mgqibeli. (Ukuba akukho nkcazeloenikiweyo -inyewe fanele inikezwe ingqalelo yomnikezeli wasekuhlaleni).
Xelela umnini-ndlu ngamalungiselelo omThetho woMbane okanye imithetho kamasipala esemxholweni;
Ukuba akukabikho mkhomba-ndlela owenziweyo, fumana uncedo lomnikezeli wasekuhlaleni ukuqinisekisa ukuba umphindi athengise/umnini-ndlu bayavumelana nemithetho kamasipala.
Ukuba ingxaki ayikasonjululwa, emveni koko ingaba yintoni?
Ungakufuna ukulungisa ngendlela yokubanga kwasenkundleni okuncincne.
Ukushenxela kwezinye izindululo zengxoxo yenye into nangona ingekabi yinto elindelekileyo evunyiweyo ngenxa yokusulela ngetyala okubandakanyekayo.
Ingaba yintoni indima yeNER kule ndawo?
Nceda qaphela ukuba indima yeNER Kwezi zinto inyinwe kakhulu njengegatya lomthetho kamasipala elithabatha amandla ngaphezu kwegatya elikwiMimiselo. INER iqhubekekisa isisombululo sesikhalazo/ impikiswano phakathi komphindi athengise/umnini-ndlu, umgqibeli-msebenzisi nomnikezeli wasekuhlaleni.
Ingaba yintoni indima yomnikezeli wasekuhlaleni?
Fanele acingwe ukuba umnikezeli wasekuhlaleni kwiimeko ezinjalo ngumnikezeli wokugqibela njengoko umbane usisiseko senkonzo.
Kwimeko ezinjalo umphindi athengise unemfanelo yokuphazamisa apho umphundi athengise/umnini-ndlu angamxhasiyo kumalungiselelo owiso-mithetho endaweni.
INGABA UNGAKUNQANDA NJANI UKUCINYWA KOMBANE
INGABA UMTHETHO UTHINI MALUNGA NOKUCINYWA?
UmThetho woMbane ka-1987 njengoko ulungisiwe, unikezela ukuba umnikeli wombane angawucima umbane wabathengi bombane ukuba akayibhatalanga i-akhawunti okanye akavumelananga neemeko zonikezelo. Kanti umthetho ufuna umnikezeli ukuba anike umthengi isaziso iintsuku ezilishumi elinesixhenxe ngaphambi kokuba aphelise unikezelo kumthengi.Ixesha liqala ekufunyasweni kwakho isaziso ngumthengi. Isaziso esinikezwayo kwi-akhawunti yenyanga sithathwa njengesamkelekileyo.Ngoko ke abathengi bacele ukuba bathathe ingqalelo yento ebhaliweyo kwi-akhawunti zabo. Icandelo elilawula lembonakalo likwiNqanaba loBulunga beNkonzo (NRS 047) kwaye busekelezelwe kwicandelo lomThetho woMbane ekubhekiselelwe kulo ngasentla.
UNGAYINQANDA NJANI
Bhatala i-akhawunti yakho
Kubalulekile ukusoloko ubhatala ii-akhawunti zakho zombane ngokugcweleyo. Oku kuza kubangela ukuba i-akhawunti yakho ingaweli kumatyala angekahlawulwa. Abathengi banokubhatala isahlulo sesambuku ukunqanda ukwahlukaniswa. Ukuba isambuku samatyala angekahlawulwa asihlawulwanga kwinyanga elandelayo, Amathuba ngokuchasene nokuba nako ukugcina i-akhawunti ihlale iqondile iyanda. Nceda qaphela ukuba ingxenye yentlawulo yarhoqo yee-akhawunti zakho kwakhona isenokukhokelela ekucinyweni. Ngokukhawuleza xa ubona ukuba awunako ukugcina iintlawulo zamatyala angekahlawulwa eqondile, nxibelelana nomnikezeli wakho wasekuhlaleni ngokukhawuleza kwaye uthetha-thethane ngeendlela zokuyihlawula.
Hlawula izivumelwano zakho zetyala
Ukuba ubusayinile ngaphambili ukuba unesivumelwano sokuhlawula ityala nomnikezeli wakho, kuyanceda ukulihlawula. Ukuba awuphumeleli ukwenza njalo, umbane wakho usenokucinywa. Nangona, ukuba iimeko fanele zitshintshela ekubeni mandundu emveni kokuba usayinile isivumelwano fanele wazise umnikezeli wakho ngokukhawuleza. Imvume yokutshintsha kweemeko isenokufuneka.
Yongamela indlela owusebenzisa ngayo
Ukuba unaso isixhobo sokulinganisa esiqhelekileyo ( esikwaziwa njengesixhobo sokulinganisa setyala) uza kufuna ukuba ukhangele iiyunithi ozisebenzisileyo kutoliko lwakho lwarhoqo. Kuyo nayiphi na i-akhawunti yombane fanele kubekho utoliko oluvulekileyo (utoliko olugqithileyo) notoliko lovalo (utoliko olukhoyo). Kuza kufuneka ukhangele ukuba utoliko lakho lokuvula lenyanga luyafana na nelokuvala lwenyanga edlulileyo. Ukuba azi ngqinelani, buza kumnikezeli wakho wasekuhlaleni inkcazelo ngaphaya koko. Abatoliki besixhobo sokulinganisa bayayenza impazamo nagmanye amaxesha.
Jonga ixabiso leyunithi yakho
Kubalulekileukwazi ukuba yimalini umnikezi afanele ukukuhlawulisa yona ngeyunithi nganye (kWh) yombane owusebenzisileyo. Ukuba ngaba awuwazi buza kumnikezeli wakho okanye unganxibelelana nomNtu oLawula uMbane weSizwe malunga nolwazi. Ukuqonda ukuba yimalini oyihlawulisiweyo kulaa nyanga kwakufuneka wahlule inani olinikiweyo kwi-akhawunti yakho. (Iiyunithi ziza kuba ngumahluko phakathi kotoliko lokuvula nelokuvala). Isahlulo iyakuba yintlawulo yeyunithi nganye.
Cinga ngokutshintshela kwisixhobo sokulinganisa sokuhlawula kuqala
Ukuba into enyuliweyo iguquka ukusuka kwisixhobo sokulinganisa sokuhlawula iya kwisixhobo sokulinganisa sokuhlawula kuqala sikho, cinga ngokutshintshela kwenye. Khumbula ukuba umrhumo wokutshintsha iza kufuneka. Umrhumo uza kuxhomekeka kwisilinganiso samandla ombane somnikezeli wakho. Amancedo ale mbono ngala:
Oku kuza kukunceda kuqingqo-mali lombane wakho owusebenzisayo;
Awusayi kuba nazinkathazo ze-akhawunti yakho ube uwela kumatyala angekahlawulwa;
Ukucinywa kombane kuza kunqandwa
Ungabulawula ubuninzi bombane owusebenzisileyo.
Ukuba i-akhawunti yakho ikumatyala angekahlawulwa, mhlawumbi kuza kufuneka ulibhatale phambi litshintshelwe ngaphaya kwisixhobo sokulinganisa sokuhlawula kuqala. Ixesha elide lamancedo elinikiweyo ngasentla liyidlula ngobunzima lemfuno. Fumanisa kumnikezeli wakho inkqubo yokulawula imonakalo enjalo. Abanye abanikezeli baqhele ukufuna umthengi ukuba angene kwisigqibo sokubhatala amatyala angekahlawulwa ngexesha elithile.
UKUBIWA KOMBANE
IZINTO EZIRHESHIWEYO MALUNGA NABASEBENZISI BOMBANE
Ukubiwa kombane ngumceli-mngeni ofuna ukupheliswa ukuba ushishino losasazo lombane luza kuhlala lugciniwe kwaye lunokuphila.
Iziphazamiso: Ukudityaniswa kweentambo ngokungekhomthethweni kudla ngokutyekela ekusindeni isixokelelwano malunga nokwenza lula okukhokelela kwiziphazamiso emandleni. Ukusindisa kunokuphazamisa neendawo zasebumelwaneni. Iziphazamiso ezilindeleke kwesi simo ayisosiphene somnikezeli wasekuhlaleni.
Ukusindisa kunokukhokelela kumandla ombane angaphaya anokonakalisa zonke izinto ezisebenzisa umbane zabathengi abhatalayo. Aba bathengi bangangabinayo indlela yokufuna uncedo kumnikezeli, njengoko ezi ngxaki zingakhokeleli ukusuka kwicala lakhe lothungelwano okanye ukungakhathali okusuka kwindawo yakhe.
Ikhokelela ekuphuncukaneni nengeniso: Abanikezeli bafuna ukuzuza imali yabo ebafaneleyoevela embaneni abawuthenge koomatshini bokwenza umbane bombane. Ungeniselo oluvela kwintengiso yombane owenza kuqhubekekisela phambili ukuba unokwenza kwaye inokunceda umnikezeli ukuba ahlale kushihsino. Ngoko ke, ubiwo lombane ludala intsongelo ekunikezeni isizukulwana ngombane.
Imisa ukufakwa kombane: Ilahleko yengeniso ithetha imali encinci ebheka kwinkqubo yokufakwa kombane. Oku kuthetha ukuba abantu abangenawo umbane kwakunyanzeleka balinde ixesha elidana ukuze babe nombane.
Akukhuselekanga: Kuninzi lwamatyala odityaniso angekho mthethweni anobungozi njengoko ucingo oluhamba phantsi komhlaba okanye emazantsi olwandle adla ngokutyhileka kwaye anokukhokelela kuphuncukwano nobomi.
Ichukumisa ixabiso lombane: Ilahleko yengeniso evela kwilahleko yentengiso ithetha ukuba Le ntsilelo fanele ifunyanwe kwakhona kwenye indawo. Oku kuquka ulwandiso kuluhlu lwamaxabiso. Ngubani ekugqibeleni ode wamoshakalelwa? Abathengi abahlawulela umbane wabo njengoko ezi lahleko zizizinto kunyuso loluhlu lwamaxabiso.
EKUGQIBELENI ABATHENGI ABAHLAWULAYO NGABO ABAHLAWULA UMBANE OBIWAYO
INGANCEDA KANJANI?
Cebisa ummelwane wakho ngento erheshiweyo yesisenzo;
Cebisa ummelwane wakho ngokuba usetyenziswa njani ukuwudibanisa;
Xelela abamelwane bakho mhlawumbi bangakucebisa ukuba ungasebenzisana njani nalo mbandela;
Phakamisa umbandela kwibandla lakho/ kwimibutho yabemi besixeko;
Bhekiselela umbandela kwiForum yoNxibelelwano yabaThengi;
Yazisa umnikeli wakho ukuba uykwazi ukuba umntu othile weba umbane.
Khumbula: Njengomsebenzisi wombane unemfanelo yokubhatalela iinkonzo ozizuzayo. Ukuba uneengxaki zokugcina iintlawulo ze-akhawunti yakho mhlawumbi isixhobo sokulinganisa esibhatalelwa ngaphambili ingaba yinto kuwe. Ngaloo ndlela uyakuba nako ukulawula indlela osebenzisa ngayo. Ubiwo lombane lonakalisa abasebenzisi bonke hayi kuphela endaweni yakho kodwa nakwezinye iindawo ngokunjalo, nanjengokuba inesiphumo esikunkcenkcezayo.
Ingaba kutheni iiforamu zonxibelelwano zomthengi
Iiforamu zonxibelelwano zomthengi zifuna ukuqinisa ulwalamano phakathi kwabaxhobisi nabathengi ngokinikeza iqonga apho ulwazi kunokwabelwana ngalo lutshintshiswe kwaye inxaxheba yomthengi ixoxwe ize isonjululwe.
Iingaba ziyafuneka iiforamu zonxibelelwano zomthengi, ingaba ziyimfuneko?
Kwixesha elidlulileyo:
Imidla yabathengi ibisoloko ingakhathalelwanga;
Ubandakanyo lomthengi belungaphulaphulwanga;
Futhi bekufuneka ubeke nawo nawuphi umsebenzi onikezwe ngabanikezeli;
Kwakungekho qonga elivelayo lokuphembelela ukwenziwa kwesigqibo nokusebenzisana nomxhobisii.
Ingaba zifuna ukwenzani iiforam zomthengi ?
Zifuna ukwandisa ulwalamano olukhoyo phakathi kwabaxhobisi nabathengi, ukukhuthaza iindlela zokunxibelelana phakathi kwamaqela amabini wonyuse ukuqonda ngemfundo yomthengi nangokudala okusingqongileyo kwentsebenziswano kwishsihsini lokunikezela.
IMISEBENZI ENOKUBAKHO ELANDELAYO IQATSHELWE
Yakha ubuhlobo obungcono phakathi kwabanikezeli nabathengi;
xoxa izikhalazo zomthengi ezingagqitywanga;
ukuchonga iimfuno zomthengi;
ukuphuhlisa izicelo;
dibana nezinye iiforam zabasebenzisi;
ukusasazwa nokutshintshwa kolwazi ukufundiswa kwabathengi;
ukusetyenziswa/ ukunakana kwezakhiwo ezikhoyo eluntwini;
ukukhumbula umsebenzi womnikezeli ngokwamanqanaba achaziweyo;
utshintshiselwano ngolwazi kuluhlu lwamaxabiso nokuxabisa okanye nawuphi omnye umcimbi.
Ingaba zingazinziswa kanjani iiforam zokunxibelelana komthengi?
Iforam yokunxibelelana komthengi iza kunxulunyaniswa nomnikezeli wombane kwindawo ethile. Umnikezeli fanele azame ukubandakanya onke amacandelo oluntu ukwenzela azuze inkxaso egcweleyo yoluntu nokuthatha inxaxheba.
Abathengi abavela kwindidi zonke zabathengi fanele bamenywe kwaye bavunyelwe banyamekele kwaye bathathe inxaxheba kwiintlanganiso zeforam. Apho kufanelekileyo kungayimfuneko ukunxibelelana nge:
zorhwebo zamashishini zokulima uphuhliso lweeforam/ izakhiwo ze-IDP
zokuhlala zemfundo zokukhathalela impilo urhulumente / iiCBO
Apho kufanelekileyo, abathengi okanye amaqela abathengi angonyula abameli ukuba bamele imidla yabo ezintlanganisweni.
Umsebenzi neemfanelo zamalungu eforam iza kuba njengezi zilandelayo:
Amalungu eforam fanele ngokulungeleleneyo aphuhlise i-ESI nemidla yoluntu;
Iforam ayizi ngokuyimfuneko ibe liqela elithatha isigqibo kwizinto ezonakalisa imisebenzi yazo yokusebenza;
Iforam kwimicimbi kumaxesha ngamaxesha iza kukhumbula izikhokelo zeeForam zokuNxibelelana noMthengi.
Iforam kuza kufuneka ibambe iintlanganiso Kabini ubuncinane ngonyaka, bangazibiza ezinye iintlanganiso ukuba kucingwa imfuneko yoko.
UKONGANYELWA KOKWENZA IIFORAM ZOKUNXIBELELANA KOMTHENGI WOMBANE
Ukuvunywa kwamaqela angundoqo afanelekileyo
Nxibelelwano kuluntu
Abameli abasebenza kwiForam zonxibelelwano nomsebenzisi iza kufuna uqeqesho. Oku kuza kwenziwa kanye xa iforam izinzisiwe.
Amancedo kubaxhobisi nakubathengi
Abathengi abanolwazi malunga namalungelo abo neemfanelo njengabathengi bombane;
Ubume bemeko yendawo obuncedayo obuza kukhuthaza intsebenziswano nokuqonda okufana macala phakathi kwabaxhobisi nabathengi babo.
Iza kunciphisa inani lezikhalazo nempikiswano ezibhekiselele kwiNER ukuba ziconjululwe.
Iza kuncedisa iNER ekongameleni umsebenzi womxhobisi.
